top of page
Malunga neCDA

Isekwe ngokoMthetho woThintelo noNyango lokuSetyenziswa gwenxa kweZiyobisi ka-2008 (uMthetho onguNombolo 70 ka-2008), uGunyaziwe weZiyobisi oyiNtloko usebenza njengequmrhu elicebisayo elinegunya lokulwa ngokuchasene nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.

I-CDA iyawaxhasa amalinge kunye neenzame zabachaphazelekayo abafanelekileyo zokunciphisa isibetho sokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nobugwenxa obunxulumene noluntu kwaye iqinisekisa ukuba kukho imvisiswano, indibaniselwano kunye nentsebenziswano phakathi kwabachaphazelekayo kulawulo lokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi elizweni.

 

Amalungu eBhodi kulindeleke ukuba asebenzisane nabachaphazelekayo abaphambili abaquka iSebe loPhuhliso lwezeNtlalo, iziphathamandla zogcino-mthetho kunye necandelo lemibutho engajonganga nzuzo (NPO) ukujongana nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye neziphumo zako kwiintsapho noluntu.

bottom of page